IINDAWO ZOKUGCINA EZOMTHETHO
Icandelo lesi- 6 loMthetho lidwelisa ezi zilandelayo:
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
INtloko
ICandelo lezoMthetho
Iindawo yokugcina iimbalo zamandulo zeFilimu yeSizwe, iVideyo kunye neSandi
IFEKSI +27 12 344 5143
UKUGCINWA KOPAPASHO LEZOMTHETHO
INGCAMANGO EYAMKELWE LILIZWE LONKE GABALALA
YINTONI INDAWO YOKUGCINA YEZOMTHETHO?
INdawo yokugcina yezomThetho yimfanelo yesemthethweni ekufaneleke ukuba uMpapashi womAfrika (okanye abavelisi) bazo zonke iindidi zamaxwebhu, kubandakanya upapasho lwezo zivakala ngesandi zikwabonwa nangamehlo, kufuneka babeke kwiindawo ezikhethiweyo zomthetho, inani elithile leekopi zamaxwebhu abo apapashiweyo. Yinkqubo yezwe lonke ukuba oorhulumente bafune abaphuhlisi/abavelisi bazo zonke iindidi zamaxwebhu apapashiweyo ukuba bawangenise lo maxwebhu. Kungoku nje izizwe kwilizwe liphela ajonga ngokutsha ekwenza izilungiso zemithetho yawo yezingeniso zezomthetho ukulungiselela ukubaluleka okukhulayo kosasazo ngesandi nokubona kwanolo lusebenza ngombane.
INJONGO
Injongo yokubekwa kwezomthetho kukuqokolela, ukugcina nokwenza ukuba la maxwebhu aqulathe ubungqondi nezinto ezilixabiso zenkcubeko yesizwe, afumaneke kwabo bawasebenzisayo nabo baya kuwasebezisa kwixa elizayo.
UKUGCINWA KWEZOMTHETHO EMZANTSI AFRIKA
Indawo zokugcina zezomthetho zaqala kweli loMzantsi Afrika ngowe-1842 xa uMthetho waseBritane welungelo lokukopa wawubekwa kwilizwe leBritane xa lilonke.
UWiso-Mthetho lwaqhubekela phambili ngoMthetho weLungelo lokukopa lowe-1965 kunye noMthetho wukubekwa/ukugcinwa kwezoMthetho eziPapashiweyo ngowe-1982. UMthetho omiyo wokubekwa kwezoMthetho (UMthetho 54 ka- 1997) wamiselwa ngomhla woku- 1 kuJulayi wowe- 1998. UMthetho UMthetho lo ulungiselela ukubekwa kweencwadi, iimagazini namanye amaxwebhu aqulethe iinkcukacha zolwazi njengefilimu, ividiyo, iiCD, kunye neeDVD ezipapashwe okanye ziveliswe kweli loMzantsi Afrika, kwakunye nezo ziveliswe ngaphandle kweli ngenjongo yokuba zisetyenziswe kweli loMzantsi Afrika. UMthetho unomhlaba obanzi wowiso mthetho olungiselela ukubekwa lenani elithile leekopi, isakhiwo nomgangatho wazo, inkcukacha ezifunwa kubapapashi nabavelisi, ixesha emazingeniswe ngalo iikopi namanyathelo amawathathelwe abapapashi nabavelisi abaphul'umthetho.
YINTONI UXWEBHU?
Uxwebhu" yiyo nantonina esetyenziselwa ukugcina okanye ukugqithisa ulwazi ngokulubhala, ngemizobo, ngemiboniso, ngokuvakalisa endlebeni okanye ngeendlela ezizezinye zosasazo.
NGAWAPHI AMAXWEBHU ABEKWAYO?
Ngamaxwebhu aveliselwe ukuba afumaneke kuluntu jikelele. Oku kubandakanya naliphi uxwebhu :
olujoliswe ekubeni lunikwe lusasazwe kuluntu gabalala loMzantsi Afrika olugcina okanye lugqithisa ulwazi ngendlela yokubhala, yokulenza lubonwe ngamehlo, yokulenza luvakale endlebeni, ngokusebenzisa izixhobo zombane okanye nangayiphi na indlela eyenye oluluhlobo oluhlaziweyo okanye olulungisiweyo loxwebhu olohluke ngokubonakalayo kolo lokuqala ngokusingisele kwiinkcukacha zolwazi oluziquletheyo okanye kubume besakhiwo olupapashwe eMzantsi Afrika okanye olulungiselelwe uluntu loMzantsi Afrika.
INZUZO YOKUGCINA YEZOMTHETHO
Ukugcinwa kwelifa elifakwe kumaxwebhu kulungiselela ukufikela kwabemi kulo lonke upapasho oluveliswe kwilizwe labo. Kungoko ukugcinwa kwezomthetho kuyintsika yenkululeko yokufikelela kulwazi.
Kwenza ukuba ilizwe lethu libe nokuzalisekisa izinto ezimbini ezingundoqo wendlela yokuziphatha ngendlela efanelekileyo ezizezi:
ukugcina yonke into eveliswe lilizwe (ngokuhambelana ne-UNESCO / UManyano lweMibutho yamaThala eencwadi ehlabathi namaziko enkqubo yehlabathi yolawulo lweBibliyografi).
Ukuqinisekisa ukuba ebuncinaneni ikopi enye yoxwebhu ngalunye olupapashiweyo igciniwe kwaye iyafumaneka ukuba isetyenziswe ziingcali zemfundo, ezivela kwihlabathi liphela.
Ugcino lwezomthetho lunamalungelo azuzwa ngqo nabaqambi kwanabapapashi okanye abavelisi:
luqinisekisa ukuba umsebenzi womqambi awulahleki kulutsha nokuba ube nokufumaneka kubaphandi bexesha elizayo.
lwakha isiseko sokuqulunqwa kweebibhliyografi zelizwe nezinye lkugcinwa kolwazi olwazisa abo banokuba ngabasebenzisi balo elizweni nakwihlabathi liphela, ngeencwadi namanye amaxwebhu, ngaloo ndlela babe bancedisana intengiso yabo.
lwenza isiseko sokuqokolelwa kweenkcukacha zamanani agciniweyo zokupapashwa kweencwadi kwihlabathi liphela oko kusenziwa yi-UNESCO engundoqo obalulekileyo kulwazi loshishino ngeencwadi. Inako nokukhula ngolu hlobo kwezinye iindlela zosasazo.
